Sihlalo weNdlu, lo rhulumente we-ANC udlala ngabantu baseMzantsi Afrika. uMphathiswa wezeZimali uze apha ephethe ukhalakhulu, ukrakrayo ngesiXhosa. Uthe, kwakuziwe neeplam ngaphambili. Bazityile bazigqiba, ngoku bathi abantu baseMzantsi Afrika mabatye ukhalakhulu. Lo khalakhulu aze naye awunayo la ndawo kuthiwa yimvomvo inencasa idla ngokumfimfithwa, kuba yona ishiyelwa abantu be-ANC. Abantu boMzantsi Afrika kuthiwa mabatye le ndawo ikrakrayo, ukuze barhude kwizisu ezilambileyo ngenxa