Enkosi Mongameli, ngempendulo ecacileyo, kodwa ke ngenxa yoloyiko olungaphandle kubasebenzi bakwa- Eskom nakwiintsapho zabo, umbuzo wam ngulo, kweli ziko lophuhliso lingu-Eskom eliza kohlulwa libe ntlantlu- ntathu i-generation, distribution ne-transmission. Ingaba zontathu ziza kutshintshelwa ekubeni kusebenze abantu abasuka ngaphandle, abanobugcisa obugqibeleleyo, okanye siza kujonga ubugcisa obukhoyo ngaphakathi apha kwinkampani yakwa-Eskom kusini na? Ingaba apha ngaphakathi kwa-Eskom asinabo obo bugcisa bunjalo? Ingaba sixhomekekeke kwaba bantu bekubuzwa ngabo kumbuzo ongaphambili othi sijonge kubantu ababekhona ngaphambili abangaphandle kusini na? Ingaba abantu ababekhona kwa- Eskom baza baphuma, ngoku baza kubuyiswa kuba singenabo ubugcisa ngaphakathi bokusebenza kwezi ntlantlu zintathu zokwahlulwa kuka-Eskom? Enkosi.
UMONGAMELI WERIPHABLIKHI: Somlomo ohloniphekileyo, i- Eskom xa sele siyahlula ukuba ibene-distribution, transmission ne-generation, abantu abasebenza kuloo macandelo baza kuqhubeka basebenze kuwo. [Kwaqhwatywa.] Njenga ngoku, i-Eskom seyinawo loo macandelo. Eyona nto