Ngokunjalo siyala ukuvumela uCaster okanye nabani na omnye umntu ukuba baphathwe ngendlela engenasidima nengenabuntu. Thina siyi-ANC sifuna ukukhumbuza isizwe nehlabathi ngokubanzi ngamazwi angqinwa nangongasekhoyo uBawo uNelson Mandela, athi urhulumente okhekelwa yi-ANC unombono obanzi ngokuthe chatha woluntu olungenacalucalulo ngobuhlanga olukhululekileyo nelomeleleyo. Andisayi kuwaphinda loo mazwi ngoba uMphathiswa uye wawathi dakanca ngesilungu.