Somlomo, abantu baseKhayelitsha nomzi wonke waseNtshona Koloni badane kakhulu. Bavakalise ukudana ngokubona umkhuba wokulahlwa kwelindle ngooceba kunye namalungu e-ANC, eHarare kwaWard 98 eKhayelitsha, nakwiNdlu yoWiso-Mthetho yePhondo laseNtshona Koloni apha phesheya kwendlela, ngoMvulo nangoLwesibini. [Uwele-wele]
Siyivile i-ANC izigxeka ezi zenzo kodwa akwanelanga ukuthetha nje. Sifuna xa sibeva besithi bayayigxeka le nto, izenzo zibonise loo nto, mababakhombise umnyango aba ceba kuba badelela urhulumente noMthetho wooMasipala kwaye le asiyonto sinokuyikhuthaza. SiyiDA sifuna ukubongoza imibutho yezopolitiko ukuba noko nokuba siyapolitika, kufuneka sikwenze kube ngcwele oko, icoceke le nto singade senze ngolu hlobo. Ezilalini ndisakhula ke, besisithi xa umntwana edlala ngelindle sithi mhlawumbi inoba ufuna isiko. Inoba ke mhlawumbi iPhiko loLutsha le-ANC lifuna ukuba kuxhelwe ibhokhwe ukuze liphile. Siza kuva nge-ANC ukuba ithini na kuba ngabantwana babo. Enkosi kakhulu Somlomo. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr M MNQASELA (DA): Hon Speaker, residents of Khayelitsha and the Western Cape as a whole are very disappointed. They showed their disappointment when they observed the bad behaviour of throwing human faeces in Ward 98 of Harare in Khayelitsha, and at the Western Cape Provincial Legislature across the road, by the ward councillors and members of the ANC on Monday and Tuesday. [Interjections.]
We have heard the ANC criticising these actions, but to just talk is not enough. We want them to show this criticism by taking actions; they must dismiss these ward councillors because they disrespect government and municipal Acts and we cannot encourage this. We as the DA would like to appeal to the political parties, even if we are politicians, that we should do that in a more sacred, hygienic manner, and not to do it this way. When I was growing up in the rural areas, when a child was playing with faeces we used to say that maybe she or he needed a certain ritual to be performed on her or his behalf. Maybe the ANC Youth League needs a goat to be slaughtered for their wellbeing. We will listen to what the ANC says because these are their children. Thank you very much, hon Speaker.]